Back to stories list

Iibhanana zikaMakhulu Grandma's bananas

Written by Ursula Nafula

Illustrated by Catherine Groenewald

Translated by Lebesana Inam

Language isiXhosa

Level Level 4

Narrate full story The audio for this story is currently not available.


Igadi kaMakhulu yayintle kakhulu. Yayizele ngamazimba, amazimba amancinci kunye necassava. Kodwa eyona nto endandiyithanda kakhulu yayiziibhanana. Nangona uMakhulu wayenabazukulwana abaninzi, ndandisazi ukuba mna wayendithanda kakhulu. Wayedla ngokundimema ukuba ndiye endlwini yakhe. Wayendixelela neemfihlo zakhe ezincinci. Kodwa kukho imfihlo enye awayengandixeleli yona: wayezivuthisa phi iibhanana zakhe.

Grandma’s garden was wonderful, full of sorghum, millet, and cassava. But best of all were the bananas. Although Grandma had many grandchildren, I secretly knew that I was her favourite. She invited me often to her house. She also told me little secrets. But there was one secret she did not share with me: where she ripened bananas.


Ngenye imini, ndabona ibhaskithi enkulu eyenziwe ngeendiza ibekwe elangeni ngaphandle kwendlu kaMakhulu. Ndambuza ukuba yeyantoni. Wathi, “Yibhaskithi yam yomlingo.” Ecaleni kwebhaskithi kwakukho amagqabi ebhanana awayewajika ngamanye amaxesha. Ndaba nomdla. Ndambuza, “Makhulu, ngawantoni la magqabi?” Wathi, “Ngamagqabi akhe omlingo.”

One day I saw a big straw basket placed in the sun outside Grandma’s house. When I asked what it was for, the only answer I got was, “It’s my magic basket.” Next to the basket, there were several banana leaves that Grandma turned from time to time. I was curious. “What are the leaves for, Grandma?” I asked. The only answer I got was, “They are my magic leaves.”


Kwakumnandi kakhulu ukubukela uMakhulu, iibhanana, amagqabi ebhanana kunye nebhaskithi enkulu. Kodwa uMakhulu wandithuma ukuba ndiye kumama. Ndathi, “Makhulu, ndicela ukubukela xa ulungiselela iibhanana…” Wathi, “Mntwana, musa ukuba nenkani. Yenza le nto endikuxelela yona.” Ndakhawuleza ndabaleka ndaya kumama.

It was so interesting watching Grandma, the bananas, the banana leaves and the big straw basket. But Grandma sent me off to my mother on an errand. “Grandma, please, let me watch as you prepare…” “Don’t be stubborn, child, do as you are told,” she insisted. I took off running.


Xa ndibuya, uMakhulu uhleli ngaphandle. Kodwa ibhaskithi neebhanana zazingasekho. Ndabuza, “Makhulu, iphi ibhaskithi? Ziphi zonke iibhanana? Kwaye iphi…” Kodwa waphendula wathi, “Zikwindawo yam yomlingo.” Ndaphoxeka kakhulu!

When I returned, Grandma was sitting outside but with neither the basket nor the bananas. “Grandma, where is the basket, where are all the bananas, and where…” But the only answer I got was, “They are in my magic place.” It was so disappointing!


Kwiintsuku ezimbini kamva, uMakhulu wandithuma ukuba ndiye kumthathela intonga yakhe yokuhamba kwigumbi lakhe lokulala. Ndithe xa ndivula ucango, ndeva ivumba elimnandi leebhanana ezazivuthwa. Kwigumbi elingaphakathi kwakukho ibhaskithi enkulu kaMakhulu yomlingo. Yayifihlwe kakuhle phantsi kwengubo endala. Ndayiphakamisa ingubo ndaza ndeva elo vumba limnandi lweebhanana.

Two days later, Grandma sent me to fetch her walking stick from her bedroom. As soon as I opened the door, I was welcomed by the strong smell of ripening bananas. In the inner room was grandma’s big magic straw basket. It was well hidden by an old blanket. I lifted it and sniffed that glorious smell.


Ilizwi likaMakhulu landothusa xa wandibizayo wathi, “Wenza ntoni? Khawuleza undiphathele intonga.” Ndakhawuleza ndaphuma nentonga yakhe. UMakhulu wandibuza, “Kutheni uncumile?” Umbuzo wakhe wandenza ndabona ukuba ndisancumile kuba ndandifumene indawo yakhe yomlingo.

Grandma’s voice startled me when she called, “What are you doing? Hurry up and bring me the stick.” I hurried out with her walking stick. “What are you smiling about?” Grandma asked. Her question made me realise that I was still smiling at the discovery of her magic place.


Ngosuku olulandelayo, xa uMakhulu wayeze kutyelela umama, ndabaleka ndaya endlwini yakhe. Ndandifuna ukuphinda ndijonge iibhanana. Ndabona iqela leebhanana ezazisele zivuthwe kakhulu. Ndathatha ibhanana enye ndayifihla phantsi kwelokhwe yam. Emva koko ndaphinda ndayigquma ibhaskithi. Ndaya emva kwendlu ndaza ndayitya ngokukhawuleza. Yayiyeyona bhanana imnandi endakha ndayitya!

The following day when grandma came to visit my mother, I rushed to her house to check the bananas once more. There was a bunch of very ripe ones. I picked one and hid it in my dress. After covering the basket again, I went behind the house and quickly ate it. It was the sweetest banana I had ever tasted.


Ngosuku olulandelayo, uMakhulu wayesegadini echola imifuno. Ndangena endlwini yakhe ngokufihlakeleyo ndaza ndajonga iibhanana. Phantse zonke zazisele zivuthiwe. Andizange ndikwazi ukuzibamba, ndathatha iqela leebhanana ezine. Ndithe xa ndihamba kancinci ndisiya emnyango, ndeva uMakhulu ekhohlela ngaphandle. Ndakhawuleza ndazifihla iibhanana phantsi kwelokhwe yam ndaza ndadlula kuye.

The following day, when grandma was in the garden picking vegetables, I sneaked in and peered at the bananas. Nearly all were ripe. I couldn’t help taking a bunch of four. As I tiptoed towards the door, I heard grandma coughing outside. I just managed to hide the bananas under my dress and walked past her.


Ngosuku olulandelayo yayilusuku lwentengiso. UMakhulu wavuka kwakusasa. Wayesoloko ethatha iibhanana ezivuthiweyo necassava ayokuzithengisa emarikeni. Mna andizange ndikhawuleze ndiye kuye ngaloo mini. Kodwa andizange ndikwazi ukumhlala kude ixesha elide.

The following day was market day. Grandma woke up early. She always took ripe bananas and cassava to sell at the market. I did not hurry to visit her that day. But I could not avoid her for long.


Kamva ngaloo ngokuhlwa, ndabizwa ngumama, noutata kunye noMakhulu. Ndandisazi ukuba kutheni. Ngobo busuku, xa ndandilele, ndandisazi ukuba andisayi kuphinda ndibe. Andisayi kuphinda ndibe kuMakhulu, kubazali bam okanye komnye umntu.

Later that evening I was called by my mother and father, and Grandma. I knew why. That night as I lay down to sleep, I knew I could never steal again, not from grandma, not from my parents, and certainly not from anyone else.


Written by: Ursula Nafula
Illustrated by: Catherine Groenewald
Translated by: Lebesana Inam
Language: isiXhosa
Level: Level 4
Source: Grandma's bananas from African Storybook
Creative Commons License
This work is licensed under a Creative Commons Attribution 3.0 International License.
Options
Back to stories list Download PDF