Back to stories list

Usuku Endashiya Ngalo Ikhaya Ndiyokuhlala Esixekweni The day I left home for the city

Written by Lesley Koyi, Ursula Nafula

Illustrated by Brian Wambi

Translated by lona xashimba

Language isiXhosa

Level Level 3

Narrate full story The audio for this story is currently not available.


Isitishi seebhasi esincinci kwilali yam sasixakekile ngabantu kunye neebhasi ezazigcwele kakhulu. Emhlabeni kwakukho izinto ezininzi ezilayishwayo. Abathengisi babebhonga amagama ezixeko apho iibhasi zabo ziya khona.

The small bus stop in my village was busy with people and overloaded buses. On the ground were even more things to load. Touts were shouting the names where their buses were going.


“Isixeko! Isixeko! Siya entshona!” Ndavele ndakuva umntu ebhonga. Yayile bhasi ekufuneka ndiyikhwele.

“City! City! Going west!” I heard a tout shouting. That was the bus I needed to catch.


Ibhasi yesixeko yayisele igcwele, kodwa abantu babengasayeka ukutyhala ukuze bangene. Abanye babefaka imithwalo phantsi kwebhasi, abanye bayibeka ezirackini ngaphakathi.

The city bus was almost full, but more people were still pushing to get on. Some packed their luggage under the bus. Others put theirs on the racks inside.


Abakhweli abatsha babebambelela kumatikiti abo bekhangela indawo yokuhlala. Abafazi abaneentsana babenza bazive bekhululekile kuhambo olude.

New passengers clutched their tickets as they looked for somewhere to sit in the crowded bus. Women with young children made them comfortable for the long journey.


Ndahlala ecaleni kwefestile. Umntu owayehleli ecaleni kwam wayebambelela kwibhegi eluhlaza yepulasitiki. Wayenxibe izsandali ezindala, ijacket endala, kwaye wayebonakala enexhala.

I squeezed in next to a window. The person sitting next to me was holding tightly to a green plastic bag. He wore old sandals, a worn out coat, and he looked nervous.


Ndajonga ngaphandle kwebhasi ndakuqonda ukuba ndishiya ilali yam, indawo endakhulela kuyo. Ndandisiya esixekweni esikhulu.

I looked outside the bus and realised that I was leaving my village, the place where I had grown up. I was going to the big city.


Ukulayishwa kwagqitywa, bonke abakhweli bahlala. Abathengisi basaqhubeka bengena ebhasini bethengisa izinto zabo. Wonke umntu wayebhonga amagama ezinto ezithengiswayo. Amazwi abo ayandihlekisa.

The loading was completed and all passengers were seated. Hawkers still pushed their way into the bus to sell their goods to the passengers. Everyone was shouting the names of what was available for sale. The words sounded funny to me.


Abanye abakhweli bathenga iziselo, abanye bathenga izimuncumuncu baza baqala ukutya. Abo babengenamali, njengam, babebukela nje.

A few passengers bought drinks, others bought small snacks and began to chew. Those who did not have any money, like me, just watched.


Ezi zenzo zaphazanyiswa kukukhala kwebhasi, uphawu lokuba silungele ukuhamba. Umthengisi wabhenela kubathengisi ukuba baphume.

These activities were interrupted by the hooting of the bus, a sign that we were ready to leave. The tout yelled at the hawkers to get out.


Abathengisi batyhalana bephuma ebhasini. Abanye babuyisela imali kubakhweli, abanye bazama ukuthengisa izinto zokugqibela.

Hawkers pushed each other to make their way out of the bus. Some gave back change to the travellers. Others made last minute attempts to sell more items.


Xa ibhasi ishiya isitishi, ndajonga ngaphandle kwefestile. Ndazibuza ukuba ndingaze ndibuyele kwilali yam kwakhona.

As the bus left the bus stop, I stared out of the window. I wondered if I would ever go back to my village again.


Njengoko uhambo luqhubeka, ngaphakathi kwebhasi kwaba kushushu kakhulu. Ndavalela amehlo ndinethemba lokulala.

As the journey progressed, the inside of the bus got very hot. I closed my eyes hoping to sleep.


Ingqondo yam yabuya ekhaya. Ngaba umama wam uza kukhuseleka? Ngaba amakhwenkwe am aya kuthengisa imali? Ngaba umntakwethu uza kukhumbula ukunkcenkceshela imithi yam?

But my mind drifted back home. Will my mother be safe? Will my rabbits fetch any money? Will my brother remember to water my tree seedlings?


Endleleni, ndakhumbula igama lendawo apho umalume wam ahlala khona esixekweni esikhulu. Ndisalithetha xa ndilala.

On the way, I memorised the name of the place where my uncle lived in the big city. I was still mumbling it when I fell asleep.


Emva kweeyure ezilithoba, ndavuka ndakuva ingxolo yabantu bebiza abakhweli abaya kwilali yam. Ndathatha ibhegi yam encinci ndaphuma ebhasini.

Nine hours later, I woke up with loud banging and calling for passengers going back to my village. I grabbed my small bag and jumped out of the bus.


Ibhasi ebuyayo yayisele igcwala ngokukhawuleza. Kungekudala yayiza kubuya iye empuma. Into ebalulekileyo kum ngoku yayikukukhangela indlu kamalume wam.

The return bus was filling up quickly. Soon it would make its way back east. The most important thing for me now, was to start looking for my uncle’s house.


Written by: Lesley Koyi, Ursula Nafula
Illustrated by: Brian Wambi
Translated by: lona xashimba
Language: isiXhosa
Level: Level 3
Source: The day I left home for the city from African Storybook
Creative Commons License
This work is licensed under a Creative Commons Attribution 4.0 International License.
Options
Back to stories list Download PDF