UAndiswa wayebukele amakhwenkwe edlala ibhola ekhatywayo. Wayenqwenela ukuba abe yinxalenye yeqela labo. Wabuza umqeqeshi ukuba angaziqeqesha kunye nawo na.
Andiswa watched the boys play soccer. She wished that she could join them. She asked the coach if she can practise with them.
Umqeqeshi wabeka izandla zakhe esinqeni. “Kwesi sikolo, ngamakhwenkwe kuphela avumelekileyo ukudlala ibhola ekhatywayo,” watsho.
The coach put his hands on his hips. “At this school, only boys are allowed to play soccer,” he said.
Amakhwenkwe amxelela ukuba makaye kudlala ibhola yomnyazi. Athi ibhola yomnyazi yeyamantombazana, ize ibhola ekhatywayo ibe yeyamakhwenkwe. UAndiswa waba buhlungu.
The boys told her to go play netball. They said that netball is for girls and soccer is for boys. Andiswa was upset.
Ngosuku olulandelayo, isikolo sasino mdlalo omkhulu webhola ekhatywayo. Umqeqeshi wayenexhala kuba umdlali wakhe obalaseleyo wayengaphilanga kwaye engakwazi ukudlala.
The next day, the school had a big soccer match. The coach was worried because his best player was sick and could not play.
UAndiswa wabaleka waya kumqeqeshi waza wamcenga ukuba amvumele adlale. Umqeqeshi wayengaqinisekanga ukuba makenze ntoni. Emva koko wagqiba kwelokuba uAndiswa abe yinxalenye yeqela.
Andiswa ran to the coach and begged him to let her to play. The coach was not sure what to do. Then he decided that Andiswa could join the team.
Umdlalo wawunzima. Akukho mntu wayefake inqaku ngexesha lekhefu.
The game was tough. Nobody had scored a goal by half time.
Kwisiqingatha sesibini somdlalo, omnye wamakhwenkwe wayigqithisela ibhola kuAndiswa. Wabaleka ngokukhawuleza esiya epalini. Wayikhaba ngamandla ibhola waza wafaka inqaku.
During the second half of the match one of the boys passed the ball to Andiswa. She moved very fast towards the goal post. She kicked the ball hard and scored a goal.
Isihlwele savuya kakhulu. Ukususela ngaloo mini, namantombazana avunyelwa ukuba adlale ibhola ekhatywayo esikolweni.
The crowd went wild with joy. Since that day, girls were also allowed to play soccer at the school.