Back to stories list

USikhukhukazi noKhozi Hen and Eagle

Written by Ann Nduku

Illustrated by Wiehan de Jager

Translated by Bukiwe Tiyane

Language Xhosa

Level Level 3

Narrate full story The audio for this story is currently not available.


Kudaladala, uSikhukhukazi noKhozi babengabahlobo. Babephila ngoxolo nazo zonke ezinye iintaka. Akukho namnye owayekwazi ukubhabha kubo.

Once upon a time, Hen and Eagle were friends. They lived in peace with all the other birds. None of them could fly.


Ngenye imini, kwakukho indlala emhlabeni. UKhozi kwafuneka ahambe umgama omde ukuze afumane ukutya. Wabuya edinwe kakhulu. “Kumele kubekho indlela elula yokuhambahamba!” watsho uKhozi.

One day, there was famine in the land. Eagle had to walk very far to find food. She came back very tired. “There must be an easier way to travel!” said Eagle.


Emva kokulala kamnandi ebusuku, uSikhukhukazi wabanombono okrelekrele. Waqalisa ukuqokelela iintsiba eziwe kwiintaka zonke ezingabahlobo babo. “Masizithungeni zonke sizithungele phezu kwentsiba zethu,” watsho. “Mhlawumbi lo nto ingenza kubelula ukuhambahamba.”

After a good night’s sleep, Hen had a brilliant idea. She began collecting the fallen feathers from all their bird friends. “Let’s sew them together on top of our own feathers,” she said. “Perhaps that will make it easier to travel.”


UKhozi yayinguye yedwa onenaliti elalini, ngoko wala ukuthunga. Wazenzela amaphiko amabini amahle waze wabhabha phezu koSikhukhukazi. USikhukhukazi waboleka inaliti kodwa wakhawuleza wadinwa kukuthunga. Washiya inaliti phezulu kwekhadibhodi waya ekhitshini eyolungiselela abantwana bakhe into yokutya.

Eagle was the only one in the village with a needle, so she started sewing first. She made herself a pair of beautiful wings and flew high above Hen. Hen borrowed the needle but she soon got tired of sewing. She left the needle on the cupboard and went into the kitchen to prepare food for her children.


Kodwa ezinye iintaka zazimbonile uKhozi wabhabha emkisela. Zacela uSikhukhukazi aziboleke inaliti ukuze zizenzele amaphiko nazo. Kungekudala kwakukho iintaka ezazibhabha esibhakabhakeni sonke.

But the other birds had seen Eagle flying away. They asked Hen to lend them the needle to make wings for themselves too. Soon there were birds flying all over the sky.


Xa intaka yokugqibela yayibuyisa inaliti ebiyibolekile, yafika uSikhukhukazi engekho. Ngoko abantwana bakhe bayithatha inaliti badlala ngayo. Xa bediniwe kukudlala, bayishiya inaliti esantini.

When the last bird returned the borrowed needle, Hen was not there. So her children took the needle and started playing with it. When they got tired of the game, they left the needle in the sand.


Emva kwemini, uKhozi wabuya. Wacela inaliti ukuze alungise ezinye iintsiba ezaxega kuhambo lwakhe. USikhukhukazi wajonga ekhabhathini. Wajonga ekhitshini. Wajonga eyadini. Kodwa inaliti yayingafumaneki ndawo.

Later that afternoon, Eagle returned. She asked for the needle to fix some feathers that had loosened on her journey. Hen looked on the cupboard. She looked in the kitchen. She looked in the yard. But the needle was nowhere to be found.


“Ndinike nje usuku,” uSikhukhukazi wacenga uKhozi. “Emva koko ungalilungisa iphiko lakho wabhabhe uyokufuna ukutya kwakhona.” “Usuku olunye nje,” watsho uKhozi. “Ukuba awuyifumani inaliti, kuza kufuneka undinike elinye lamantshontsho wakho njengentlawulo.”

“Just give me a day,” Hen begged Eagle. “Then you can fix your wing and fly away to get food again.” “Just one more day,” said Eagle. “If you can’t find the needle, you’ll have to give me one of your chicks as payment.”


Lathi lakufika uKhozi ngengomso, wafika uSikhukhukazi eqhwaya esantini kodwa ingekho inaliti. Ngoko uKhozi wabhabhela ezantsi ngokukhawuleza wanqakula elinye lamantshontsho. Wamka nalo. Ukusukela emva kwalo nto, nanini na uKhozi luvela, ufika uSikhukhukazi eqhwaya esantini efuna inaliti.

When Eagle came the next day, she found Hen scratching in the sand, but no needle. So Eagle flew down very fast and caught one of the chicks. She carried it away. Forever after that, whenever Eagle appears, she finds Hen scratching in the sand for the needle.


Xa isithunzi sikaKhozi siwela emhlabeni, uSikhukhukazi ulumkisa amantshontsho wakhe. “Sukani kumhlaba ongenanto nowomileyo.” Aze aphendule: “Asizozibhanxa. Siza kubaleka.”

As the shadow of Eagle’s wing falls on the ground, Hen warns her chicks. “Get out of the bare and dry land.” And they respond: “We are not fools. We will run.”


Written by: Ann Nduku
Illustrated by: Wiehan de Jager
Translated by: Bukiwe Tiyane
Language: Xhosa
Level: Level 3
Source: Hen and Eagle from African Storybook
Creative Commons License
This work is licensed under a Creative Commons Attribution 3.0 International License.
Options
Back to stories list Download PDF