Back to stories list

UAnansi noBulumko Anansi and Wisdom

Written by Ghanaian folktale

Illustrated by Wiehan de Jager

Translated by Bukiwe Tiyane

Language Xhosa

Level Level 3

Narrate full story The audio for this story is currently not available.


Kudala dala abantu babengazi kwanto. Babengazi ukuba zityalwa njani izityalo, okanye olukwa njani amalaphu, okanye zenziwa njani izixhobo zeentsimbi. Uthixo uNyame phezulu esibhakabhakeni wayenabo bonke ubulumko behlabathi. Wayebugcine bukhuselekile embizeni yodongwe.

Long long ago people didn’t know anything. They didn’t know how to plant crops, or how to weave cloth, or how to make iron tools. The god Nyame up in the sky had all the wisdom of the world. He kept it safe in a clay pot.


Ngenye imini, uNyame wagqiba ekubeni le mbiza yobulumko uza kuyinika uAnansi. Ngalo lonke ixesha uAnansi ejonga embizeni yodongwe, wayefunda into entsha. Kwakuvuyisa kakhulu!

One day, Nyame decided that he would give the pot of wisdom to Anansi. Every time Anansi looked in the clay pot, he learned something new. It was so exciting!


UAnansi ongoneliyo wacinga, “Ndiza kuyigcina ikhuselekile imbiza phezu komthi omde. Emva koko ibeyeyam ndedwa!” Wasonta umsonto omde, wawujijela embizeni yodongwe wawubophelela esiswini sakhe. Waqalisa ukunyuka umthi. Kodwa kwakunzima ukunyuka umthi kukho imbiza embetha emadolweni oko.

Greedy Anansi thought, “I’ll keep the pot safe at the top of a tall tree. Then I can have it all to myself!” He spun a long thread, wound it round the clay pot, and tied it to his stomach. He began to climb the tree. But it was hard climbing the tree with the pot bumping him in the knees all the time.


Ngalo lonke elo xesha unyana omncinane kaAnansi wayemi phantsi komthi ebukele. Wathi, “Bekungayi kubalula ukunyuka ukuba imbiza ubuyibophelele emqolo?” UAnansi wazama ukubophelela imbiza yodongwe egcwele bubulumko emqolo, ngokwenene kwabalula kakhulu.

All the time Anansi’s young son had been standing at the bottom of the tree watching. He said, “Wouldn’t it be easier to climb if you tied the pot to your back instead?” Anansi tried tying the clay pot full of wisdom to his back, and it really was a lot easier.


Ngexesha elingephi wafika encotsheni yomthi. Kodwa wama wacinga, “Kumele ukuba ndim onabo bonke ubulumko, naku unyana wam ekrelekrele kunam!” UAnansi wayenomsindo kakhulu ngale nto kangangokuba wayilahlela phantsi imbiza yodongwe yawa emthini.

In no time he reached the top of the tree. But then he stopped and thought, “I’m supposed to be the one with all the wisdom, and here my son was cleverer than me!” Anansi was so angry about this that he threw the clay pot down out of the tree.


Yophuka yazingceba emhlabeni. Ubulumko bafunyanwa ngumntu wonke. Yaye leyo yindlela abantu abafunda ngayo ukulima, ukoluka amalaphu, ukwenza izixhobo zeentsimbi, nazo zonke ezinye izinto abantu abakwaziyo ukuzenza.

It smashed into pieces on the ground. The wisdom was free for everyone to share. And that is how people learned to farm, to weave cloth, to make iron tools, and all the other things that people know how to do.


Written by: Ghanaian folktale
Illustrated by: Wiehan de Jager
Translated by: Bukiwe Tiyane
Language: Xhosa
Level: Level 3
Source: Anansi and Wisdom from African Storybook
Creative Commons License
This work is licensed under a Creative Commons Attribution 3.0 International License.
Options
Back to stories list Download PDF