UBhokhwe, uNja, noNkomo yayingabahlobo abakhulu. Ngenye imini bathatha uhambo ngetekisi.
Goat, Dog, and Cow
were great friends. One
day they went on a
journey in a taxi.
Xa befika ekupheleni kohambo lwabo, umqhubi wabacela ukuba babhatale imali yokukhwela. UNkomo wabhatala imali yakhe.
When they reached the
end of their journey, the
driver asked them to
pay their fares. Cow
paid her fare.
UNja wabhatala engaphezulu ngokuba wayengenayo imali eqingqekileyo.
Dog paid a bit extra,
because he did not
have the correct money.
Umqhubi wayesele eza kunika uNja imali yakhe suka wabaleka uBhokhwe engabhatelanga kwanto.
The driver was about to
give Dog his change
when Goat ran away
without paying
anything.
Umqhubi wacaphuka kakhulu. Waqhuba wemka engamnikanga uNja itshintshi yakhe.
The driver was very
annoyed. He drove
away without giving
Dog his change.
Yiloo nto nanamhlanje uNja ebaleka esiya emotweni ukuze akrobe ngaphakathi afumane la mqhubi umtyala itshintshi yakhe.
That is why, even
today, Dog runs
towards a car to peep
inside and find the
driver who owes him his
change.
UBhokhwe uyasibaleka isandi semoto. Woyika ukuba uza kubanjelwa ukungabhatali imali yakhe yokukhwela.
Goat runs away from
the sound of a car. She
is afraid she will be
arrested for not paying
her fare.
UNkomo akahlupheki xa imoto isiza. UNkomo uthatha ixesha lakhe ukuwela indlela ngokuba uyazazi wayibhatala yaphelela imali yakhe yokukhwela.
And Cow is not
bothered when a car is
coming. Cow takes her
time crossing the road
because she knows she
paid her fare in full.